1 Kings 1:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nawe, nkosi yam, kumkani! amehlo o‐Sirayeli bonke angakuwe, ukuba ubaxelele ungubanina oya kuhlala pezu kweterone yenkosi yam ukumkani emva kwayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wena, nkosi yam kumkani, amehlo amaSirayeli onke akuwe, ukuba uwaxelele, ukuba kuhlale bani na etroneni yenkosi yam ukumkani emveni kwayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wena kumkani, kumkani, amehlo amaSirayeli onke akhangele kuwe, ukuba uwaxelele, ukuba kuhlale bani na etroneni yokumkani, inkosi yam, emveni kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke, mhlekazi kumkani, uSirayeli ewonke ujonge kuwe, ulindele ukuva ngawe ukuba ngubani na oza kungena ahlale esikhundleni sakho emva kwakho.