1 Kings 1:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ehlile namhla, waya wabinga inkabi, nenkomo ezityetyisiweyo, negusha ngento eninzi, wamema bonke onyana bokumkani, nenkosi zomkosi, no‐Abiyatare umperisite: kanjalo, bona ke, bayadla bayasela nokusela pambi kwake, bati: Makapile ukumkani u‐Adonija!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba uhlile namhlanje, wabingelela iinkomo nezinto ezityetyisiweyo, nempahla emfutshane yaninzi, wamema bonke oonyana bokumkani, nabathetheli-mkhosi, noAbhiyatare umbingeleli; nabo ke besidla besela phambi kwakhe, besithi, Makadle ubomi ukumkani uAdoniya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba namhlanje uye wehla waza waxhela iinkomo neenkomo ezityetyisiweyo neenkomo zaninzi waza wabiza bonke oonyana bokumkani nabathetheli-mkhosi noAbhiyatare umbingeleli; nabo babesidla besela phambi kwakhe, besithi, Ukumkani uAdoniya makamkhusele!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku namhlanje uye kwenza idini ngentaphane yeenkomo, amathole atyetyisiweyo, kunye neegusha. Ubamemile bonke oonyana bakho, iinjengele zomkhosi, nombingeleli uAbhiyatare. Ngoku nâbo besela bemana bedanduluka besithi: ‘Khul' ud' ukhokhobe, kumkani Adoniya!’