1 Kings 1:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanene lento yenziwe yinkosi yam ukumkani na, ungasazisanga ke isicaka sako ungubanina oya kuhlala pezu kweterone yenkosi yam ukumkani emva kwayo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ingaba ivela kwinkosi yam ukumkani na le nto, waza akwabazisa abakhonzi bakho oya kuhlala etroneni yenkosi yam ukumkani emveni kwayo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Le nto yenziwe yinkosi yam na, waza akwamxelela umkhonzi wakho oya kuhlala etroneni yokumkani emva kwakhe?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mhlekazi kumkani, ingaba nguwe lo wenze into enje ungazazisanga izicaka zakho ukuba ngubani na oya kungena ahlale esikhundleni sakho xa ungasekho?”