1 Kings 1:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngenyaniso, njengokuba bendikufungela uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ndisiti: Ngenyaniso u‐Solomone unyana wako woba ngukumkani emva kwam, waeya kuhlala yena pezu kweterone yam esikundleni sam; ngenyaniso ndiya kwenje njalo namhla nje.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
inene, njengoko ndakufungela uYehova uThixo kaSirayeli, ndisithi, USolomon unyana wakho uya kuba ngukumkani emveni kwam, kuhlale yena etroneni yam esikhundleni sam: inene, ndiya kwenjenjalo namhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
njengoko ndakufungela uYehova uThixo kaSirayeli, ndathi, uSolomon unyana wakho uya kuba ngukumkani emveni kwam, kuhlale yena esikhundleni sam etroneni yam; ngokuqinisekileyo ndiya kwenjenjalo namhlanje.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
inene namhlanje ndiza kuyifezekisa into endakufungela yona ngoNdikhoyo uThixo kaSirayeli, ndisithi: ‘Unyana wakho uSolomon uya kuba ngukumkani emva kwam, angene esihlalweni sam.’ ”