1 Kings 1:40 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Basuka bonke abantu benyuka emva kwake, bati abantu kanjalo baloza ngemilozi, bavuya ngovuyo olukulu, wada waṙazuka umhlaba ngentlokoma yabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Benyuka bonke abantu, bamlandela, abantu bebetha ugwali, bevuya ngemivuyo emikhulu; wathi ndi umhlaba ngesandi sabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bamlandela ke bonke abantu, baza abantu babetha iimbande, bevuya ngovuyo olukhulu; lasuka lakrazuka ihlabathi sisandi sabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Loo nginginya yabantu ke yamlandela, ihamba ikhalisa amaxilongo, igcobe kangangokuba isingqi sabo sawunyikimisa umhlaba.