1 Kings 1:42 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa asateta, bona ke, u‐Jonatane, unyana ka‐Abiyatare umperisite, wafika; waza wati u‐Adonija: Ngena, ngokuba wena uyindoda etembekileyo, uya kushumayela indaba ezilungileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe esathetha, nanko kufika uYonatan unyana ka-Abhiyatare umbingeleli. Wathi uAdoniya, Ngena, ngokuba ungumfo onesidima, uza neendaba ezilungileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe esathetha, kwafika uYonatan unyana ka-Abhiyatare umbingeleli; Wathi uAdoniya kuye, Ngena; ngokuba uyindoda enobukroti, uzisa iindaba ezilungileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Esabuza njalo kwathi gqi uJonatan unyana wombingeleli uAbhiyatare. UAdoniya wathi: “Ngena! Umntu ohlonipheke njengawe lo unokuba usiphathele iindaba ezimnandi.”