1 Kings 1:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Adonija unyana ka‐Hagiti wazipakamisa, esiti: Mna ndoba ngukumkani; waza wazilungisela inqwelo nabakweli bamahashe, namadoda angamashumi mahlanu abaleke pambi kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza uAdoniya unyana kaHagiti waziphakamisa, wathi, Ndiya kuba ngukumkani. Wazenzela iinqwelo zokulwa, nabamahashe, namadoda angamashumi omahlanu okutshayelela phambi kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza uAdoniya unyana kaHagiti waziphakamisa, wathi, Ndiyalawula; Wazilungisela iinqwelo zokulwa, nabamahashe, namadoda angamashumi amahlanu abaleka phezu kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uAdoniya, unyana kakumkani, onina yayinguHagiti, wazigqatsa wathi: “Ndiza kuba ngukumkani.” Wazilungiselela iinqwelo namahashe, kananjalo wandulelwa ngamashumi amahlanu amadoda. (