1 Kings 1:51 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwashunyayelwa ku‐Solomone, kusitwa: Nankuya u‐Adonija esoyika ukumkani u‐Solomone; ngokuba, bona ke, selebambile impondo zesibingelo, esiti: Makandifungele namhla nje ukumkani u‐Solomone, ukuba akayi kufisa isicaka sake ngeṙele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waxelelwa uSolomon, kwathiwa, Nanko uAdoniya esoyika ukumkani uSolomon; nanko ebambelele ezimpondweni zesibingelelo, esithi, Makandifungele namhlanje ukumkani uSolomon, athi, akayi kumbulala ngekrele umkhonzi wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waxelelwa ke uSolomon, kwathiwa, Nanko uAdoniya esoyika ukumkani uSolomon, ethabathe iimpondo zesibingelelo, esithi, Undifungele namhlanje ukumkani uSolomon, ukuba akayi kumbulala ngekrele umkhonzi wakhe umkhonto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waxelelwa ke uSolomon kwathiwa: “UAdoniya nanko ebambelele ngeempondo zeqonga lamadini kuba esoyika ukumkani uSolomon. Uthi: ‘Ukumkani uSolomon makafunge namhlanje, athembise ukuba akayi kundifaka ikrele andibulale mna sicaka sakhe.’ ”