1 Kings 1:52 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Solomone: Ukuba uya kwenza njengendoda etembekileyo, akuyi kuwa nalunye lwenwele zake ngasemhlabeni; kodwa ukuba inkohlakalo iya kufunyanwa kuye, uya kwandula afe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke uSolomon, Ukuba uthe wangumfo onesidima, akusayi kuwa lunwele lwakhe emhlabeni; ke ukuba kuthe kwafunyanwa ububi kuye, uya kufa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uSolomon, Ukuba uthe wazibonakalisa ukuba ulungile, akuyi kuwa nalunye unwele lwakhe emhlabeni; ke ukuba kuthe kwafunyanwa ubugwenxa kuye, uya kufa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USolomon wathi: “Ukuba ufumaniseke engumfo onyanisekileyo, akayi kuba nawo nowempumlo umkrwelo; kambe ke, ukuba ufumaniseke enobubi, uza kufa.”