1 Kings 1:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku uyise ebengambindisanga emihleni yake ngokuti: Yinina ukuba wenje njalo? Yena naye ebemhle kakulu isimilo sake, wati unina wamzala emva kwo‐Abasalome.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uyise ebengamenzanga buhlungu nemini enye ngokuthi, Yini na ukuba wenjenje? Kananjalo ubengumfo osiqu sihle; unina wamzala emva koAbhisalom.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uyise akazange ambethe emehlweni ngokuthi: “Uyenzele ntoni na loo nto? kwaye waye eyindoda entle kakhulu; unina wamzala emva koAbhisalom.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku uyise wayengazanga amngxolise athi kuye: “Uyenzeleni into enje?” Yena wayesalekela uAbhasalom, ibe ke umfo lo eyinzwana.)