1 Kings 10:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye ukumkani ngemiti yelamuge leyo wenzela indlu kayehova nendlu yokumkani izixaso, wenz ela abaculi ikinore nenebele kanjalo: bekungasiza imiti yelamuge enjalo, bekungabonwa enjalo kanjako, kwada kwanamhla nje.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Imialmugi leyo ukumkani wayenza iintsika zendlu kaYehova, nezeyendlu yokumkani, neehadi nemirhubhe yeemvumi; akuzanga kube saziswa mialmugi injalo, akubonwanga injalo unanamhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani wazenza ngemialmondi iintsika zendlu kaYehova, nezendlu yokumkani, neehadi, nemirhubhe yeemvumi;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngalo mthi wom-almugi ke ukumkani wenza iintsika zendlu kaNdikhyo kunye nezo zebhotwe lakhe, waza ngenxalenye yawo wenzela iimvumi iihapu nemirhubhe. Ongako wona ukuba mninzi um-almugi awuzange ukhe uziswe; ukusukela ngoko zange yabakho into enjalo.