1 Kings 10:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza ukumkani u‐Solomone wamnika ukumkanikazi we‐Sheba konke ukutanda kwake, oko wakucelayo, ngapandle kwoko wamnikayo ngokwesisa sokumkani u‐Solomone. Wada wabuya, wahambela kwelake ilizwe, yena nezicaka zake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ukumkani uSolomon wamnika ukumkanikazi waseShebha konke akunanzileyo, awakucelayo; kukodwa khona awamnikayo ngokwamandla okuba engukumkani uSolomon. Wajika ke, waya ezweni lakhe, yena nabakhonzi bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani uSolomon wanika ukumkanikazi waseShebha konke awayekunqwenela, awayekucelile; Wajika waya ezweni lakhe, yena nabakhonzi bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani uSolomon wanika ukumkanikazi waseShebha konke awayekunqwenela nawayekucela, nangaphandle kwezipho zakomkhulu. Ke ukumkanikazi lowo ekunye namaphakathi akhe bajika babuyela kwelakowabo.