1 Kings 10:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Solomone kanjalo wabuta inqwelo namahashe okukwelwa; wabenenqwelo zaliwaka linamakulu mane, namahashe okukwelwa angamawaka alishumi linesibini; owazibeka ezixekweni zenqwelo, nakuye ukumkani e‐Yerusaleme.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USolomon wahlanganisa iinqwelo zokulwa namahashe akhwelwayo, waba newaka elinamakhulu amane eenqwelo zokulwa, namawaka alishumi elinamabini amahashe akhwelwayo; wazibeka ezo zinto emizini yeenqwelo zokulwa, nakukumkani eYerusalem.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSolomon wahlanganisa iinqwelo zokulwa namahashe akhwelwayo, waba newaka elinamakhulu amane eenqwelo zokulwa, namawaka alishumi elinamabini amahashe akhwelwayo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USolomon wahlanganisa iinqwelo zokulwa kunye namahashe. Wayeneenqwelo eziliwaka elinamakhulu amane, enamahashe angamawaka alishumi elinambini, awayewagcina kwizixeko zeenqwelo nakwakhe eJerusalem.