1 Kings 10:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nokutya kwesitebe sake, nokuhlala kwezicaka zake, nokuma kwabakonzi bake, nezivato zabo, nabancamli bake, nesinyukelo sake, owenyuka ngaso ukuya endlwini kayehova, akwabi sabiko umoya kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nokudla kwetafile yakhe, nokuhlala kwabakhonzi bakhe, nokuma kwabalungiseleli bakhe, nezambatho zabo, nabangcamli bakhe, nezinyuko zakhe abenyuka ngazo ukuya endlwini kaYehova;akwaba sabakho kuqina kwamxhelo kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
nokudla kwetafile yakhe, nezihlalo zabakhonzi bakhe, nenkonzo yabakhonzi bakhe, nezambatho zabo, nabangcamli bakhe, nezinyuko zakhe abe enyuka ngazo ukuya endlwini kaYehova; akwaba sabakho kuphefumla kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
nokutya okusetafileni yakhe, naloo maphakathi akhe, nendlela ahlaliswe ngayo, nezicaka ziwunduzelisa ngeminweba, nabangcamli, naloo madini atshiswayo wayewenza endlwini kaNdikhoyo, wasuka wee khumnqa.