1 Kings 10:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Makabongwe uyehova, utixo wako, owakukolelayo, ukuba akubeke pezu kweterone yakwa‐Sirayeli. Ngokuba uyehova ebatandile o‐Sirayeli ngonapakade, kukona akumiseleyo ube ngukumkani, ukwenza ubugwebo nobulungisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Makabongwe uYehova uThixo wakho, okunoneleleyo, wakubeka etroneni yakwaSirayeli ngokuwathanda kwakhe amaSirayeli ngonaphakade, wakumisa waba ngukumkani, ukuba wenze okusesikweni nobulungisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Makabongwe uYehova uThixo wakho, okunyulileyo ukuba akubeke etroneni yakwaSirayeli, ngenxa yokuba uYehova emthanda uSirayeli kude kuse ephakadeni, ngenxa yoko wamenza ukumkani ukuba enze okusesikweni nobulungisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Makabongwe uNdikhoyo, uThixo wakho, yena ukholisekileyo nguwe, waza wakubeka esihlalweni kwinkundla kaSirayeli. Kaloku uNdikhoyo uSirayeli umthanda ngothando elungaphele ndawo. Yiyo loo nto akwenze ukumkani ukuze uzinzise umthetho nobulungisa.”