1 Kings 11:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baye besuka e‐Midiyane, beza e‐Parane; batabata amadoda nabo e‐Parane, bada bafika e‐Jipete, ku‐Faro ukumkani we‐Jipete; owamnika indlu, wamabela ukudla, wamnika nomhlaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Besuka kwaMidiyan, beza eParan; bathabatha amadoda eParan, ahamba nabo; beza eYiputa kuFaro, ukumkani waseYiputa. Yena ke wamnika indlu, wathi makazuze ukudla, wamnika ilizwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Banduluka kwaMidiyan, beza eParan; owamnika indlu, wamnika ukudla, wamnika namasimi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baphuma eMidiyan, bajonga eParan. Baza baphuma apho namadoda athile, baya eJiputa, waza ke ukumkani wakhona wanika uHadadi indlu nomhlaba, wamxhasa ngokutya.