1 Kings 11:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
abentlanga abete uyehova elusatsheni luka̔‐Sirayeli: Aniyi kungena kuzo, kanjalo zona aziyi kungena kuni; ngenyaniso, ziya kupambukisa intliziyo yenu ukuya emva kwotixo bazo: kwa kubo aba wanamatela u‐Solomone ngotando.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ezintlangeni, abethe uYehova koonyana bakaSirayeli, Ize ningangeni kuzo, nazo zingangeni kuni; inene, zozitsalela koothixo bazo iintliziyo zenu. Wanamathela kubo abo uSolomon ngothando.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
bephakathi kweentlanga, abethe uYehova koonyana bakaSirayeli, Ize ningangeni kuzo, nazo zingangeni kuni;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wabathatha kwezo ntlanga wayewayale ngazo *uNdikhoyo amaSirayeli esithi: “Ze ningendiselani nazo, kuba ziya kunilukuhlela kwizithixo zazo,” kodwa ke yena uSolomon wasuka waqhogana nabo ngothando.