1 Kings 11:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati udade ka‐Tapenesi wamzalela u‐Genubate, unyana wake, obelunyulwa ngu‐Tapenesi endlwini ka‐Faro; waza u‐Genubate wasendlwini ka‐Faro pakati kwonyana baka‐Faro.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke umsakwabo boTapenes wamzalela uGenubhati, unyana wakhe;uTapenes wamlumlela endlwini kaFaro, uGenubhati waba ngowendlu kaFaro phakathi koonyana bakaFaro.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umsakwabo boTahepenese wamzalela unyana wakhe, uGenubhati, lowo uTahepenase wamanyisa endlwini kaFaro; uGenubhati wahlala endlwini kaFaro phakathi koonyana bakaFaro.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Loo mfazi ke wazala unyana owathiywa igama elinguGenubhati. Waza ke uTapanes wamkhulisela apho komkhulu. UGenubhati lo ke wakhula nabantwana bokumkani waseJiputa.