1 Kings 11:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wati u‐Faro kuye: Pofu uswele nto nina kum, ukuba, bona ke, ufuna ukuya elizweni lako? Wayesiti: Akuko nto; kodwa kaundindulule noko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uFaro kuye, Uswele ntoni na kum, le nto ufuna ukuya ezweni lakowenu? Wathi, yena, Nento le; noko ke ndindulule.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uFaro kuye, Undikhathalele ngantoni na, ukuba uya kubuyela ezweni lakowenu? Waphendula ke yena wathi, Akukho nto; nangona kunjalo, ndivumele ndihambe nokuba kukweliphi na icala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani wathi: “Ngaba yintoni oyisweleyo ngoku ulapha, le nto ufuna ukugoduka?” Ke yena waphendula wathi: “Hayi, andiswele nto, kodwa noko ndikhulule!”