1 Kings 11:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wada wahlanganisela kuye amadoda, waba yinkosi yebandla, okuya u‐Davide wababulala abase‐Tsoba: basuka baya e‐Damakusi, bahlala kona, bapata ubukumkani e‐Damakusi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabuthela kuye amadoda, waba ngumthetheli wempi, ekubabulaleni kukaDavide abo. Baya ke eDamasko, bahlala khona, baba nobukumkani eDamasko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabizela kuye amadoda, waba yingqwayi-ngqwayi yamadoda omkhosi, ekuxabeleni kukaDavide iSobha; baya eDamasko, bahlala khona, bayilawula eDamasko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waqokelela amahlakani, waza yena wayinkokheli yegqiza labavukeli ngokuya uDavide wayetshabalalise imikhosi yaseZobha. Abo bavukeli ke baya eDamasko, baza bahlala khona balawula.