1 Kings 11:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayengumalane yena ko‐Sirayeli yonke imihla ka‐Solomone, ngapandle kwobubi a bebenza u‐Hadade: wayetiya o‐Sirayeli, wapata ubukumkani pezu kwe‐Siriya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waba lutshaba lwamaSirayeli yonke imihla kaSolomon; ke ngobu bubi wabenzayo uHadade, wakruquka ngamaSirayeli; waye engukumkani kwa-Aram.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waba lutshaba lukaSirayeli yonke imihla kaSolomon, ngaphandle nje kobubi awabenzayo uHadadi; Wawathiya amaSirayeli, wayelawula kwa-Aram.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
URezon lo ke waba lutshaba lukaSirayeli ngalo lonke ixesha lokudla kukaSolomon ubomi, yena ke esongezelela kwinkathazo eyayidalwa nguHadadi. URezon ke walawula eAram echasene noSirayeli.