1 Kings 11:34 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa andiyi kususa ubukumkani bonke esandleni sake; koko ndiya kumenza abe yinkosi yonke imihla yokudla kwake ubomi, ngenxa ka‐Davide isicaka sam, endamnyulayo, ngokuba wabegcina imiyalelo yam nezimiselo zam:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Andiyi kubuthabatha bonke ubukumkani esandleni sakhe;ndomenza abe sisikhulu yonke imihla yobomi bakhe, ngenxa kaDavide umkhonzi wam endamnyulayo, owayigcinayo imithetho yam nemimiselo yam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa andiyi kubuthabatha bonke ubukumkani esandleni sakhe, kodwa ndiya kumenza ukumkani yonke imihla yobomi bakhe ngenxa kaDavide umkhonzi wam endimnyulileyo, ngenxa yokuba uyigcinile imiyalelo yam nemiyalelo yam inamathele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke umbuso andiyi kuwuthatha wonke esandleni sikaSolomon; yena woba ngumlawuli ngayo yonke imihla yokudla kwakhe ubomi, ngenxa kaDavide isicaka sam endasinyulayo saza sayithobela imithetho nemimiselo yam.