1 Kings 11:38 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti, ukuba uya kupulapula konke endikuyalelayo ngako, uhambe ezindleleni zam, wenze okufaneleyo emehlweni am, ukugcina imimiselo yam nemiyalelo yam, njengokuba wenje njalo u‐Davide isicaka sam, ndiya kwandula ndibe nawe, ndikwakele indlu eqinileyo, njengokuba ndimakele u‐Davide, ndikunike o‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kothi, ukuba uthe wakuphulaphula konke endikuwisela umthetho ngako, wahamba ngeendlela zam, wenza okuthe tye emehlweni am, ukuba ugcine imimiselo yam nemithetho yam, njengoko wenza ngako uDavide umkhonzi wam: ndibe nawe, ndikwakhele indlu esimakade, njengoko ndamakhelayo uDavide, ndikunike amaSirayeli;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba uthe waphulaphula kuyo yonk’ into endikuyalela yona, wahamba ngeendlela zam, wenze okulungileyo emehlweni am ngokugcina imiyalelo yam emiselweyo nemiyalelo yam, kanye njengoko wenzayo umkhonzi wam uDavide; ukuze ndibe nawe, ndikwakhele indlu eyomeleleyo, njengoko ndamakhelayo uDavide, ndikunike uSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiya kuba nawe ukuba uthe wenza ngokwemithetho yam, wahamba ngokweendlela zam, wenza okuhle ngokuthobela imimiselo nemiyalelo yam njengoDavide isicaka sam. Ndiya kukwenzela isizukulwana sabalawuli esiqiniseke njengêso ndasinika uDavide; ndomnikela kuwe uSirayeli.