1 Kings 11:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba bekute ngexesha lobudala buka‐Solomone, abafazi bake bapambukisa intliziyo yake ukuya emva kwotixo bambi; yaye intliziyo yake yayingakolisekile ngakuyehova, utixo wake, njengentliziyo ka‐Davide uyise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, ngexesha lobudala bukaSolomon, abafazi bakhe bayityekisela intliziyo yakhe ekulandeleni thixo bambi;intliziyo yakhe ayaphelela kuYehova uThixo wakhe, njengentliziyo kaDavide uyise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku kwathi, ngexesha lobudala bukaSolomon, abafazi bakhe bayityekisa intliziyo yakhe ekulandeleni thixo bambi; yaye intliziyo yakhe yayingamlungelanga uYehova uThixo wakhe njengentliziyo kaDavide uyise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi ekugugeni kwakhe abafazi bakhe bayitsalela *koothixo babo intliziyo yakhe, akabi nako ukuzinikezela ngokupheleleyo kuNdikhoyo, uThixo wakhe, njengoko wenzayo yena uyise uDavide.