1 Kings 11:40 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako u‐Solomone wafuna ukumfisa u‐Jerobome. Wandula wesuka u‐Jerobome, wesabela e‐Jipete, ku‐Shishaki ukumkani we‐Jipete, wabeko e‐Jipete kwada kwafa u‐Solomone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USolomon wafuna ukumbulala uYarobheham; wesuka uYarobheham wabalekela eYiputa kuShishaki, ukumkani weYiputa. Waba seYiputa wada wafa uSolomon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSolomon wazama ukumbulala uYarobheham. Wagqiba uYarobheham, wasabela eYiputa kuShishaki, ukumkani waseYiputa, wayilawula eYiputa, wada wafa uSolomon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uSolomon wazama ukubulala uJerobhowam, kodwa ke yena wabalekela eJiputa, kukumkani uShishaki, waza ke wahlala khona wada wasweleka uSolomon.