1 Kings 11:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Oko wayaka u‐Solomone indawo epakamileyo ku‐Kemoshe intshontsho yama‐Mowabi, entabeni epambi kwe‐Yerusaleme, naku‐Moleke intshontsho yosapo luka‐Hamoni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza uSolomon wamakhela isiganga uKemoshe, izothe lamaMowabhi, entabeni ekhangelene neYerusalem, noMoleki, izothe loonyana baka-Amon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSolomon wamakhela uKemoshe, izothe lakwaMowabhi, entabeni ekufuphi neYerusalem, noMologi, izothe loonyana baka-Amon, isiganga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwinduli ekwimpuma yeJerusalem uSolomon wenza isibingelelo sikaKemoshe, isikizi lothixo wamaMowabhi, kunye noMoleki isikizi lothixo wama-Amon.