1 Kings 12:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aza ateta kuye amadodana abekulile kunye naye, esiti: Uya kutsho kwababantu abatetileyo kuwe, besiti: Uyihlo wako wayenza nzima iyokwe yetu, kodwa wena yenze lula pezu kwetu: uya kutsho kubo ukuti: Ucikicane wam woba mkulu kuso isinqe sobawo isibili sake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Athetha ke kuye amadodana aziintanga zakhe, esithi, Yithi kwaba bantu bathethe kuwe, besithi, Uyihlo wayenza nzima idyokhwe yethu, yenze lula kuthi wena; yithi kubo, Ucikicane wam uya kuba nesibili kunesinqe sikabawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Athetha ke kuye amadodana aziintanga zakhe, esithi, Yithi kwaba bantu bathethe kuwe, besithi, Uyihlo wayithwala idyokhwe yethu enzima, senzele yona; wothi kubo, Ucikicane wam uya kuba mkhulu kunesinqe sikabawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abo bafana baziintanga zakhe baphendula bathi: “Abo bantu bathi: ‘Uyihlo wayenza nzima idyokhwe yethu, kodwa wena yenze ibe lula kuthi.’ Ke wena baxelele uthi: ‘Ucikicane wam ungaphezu kwesinqe sikabawo.