1 Kings 12:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bati bakubona bonke o‐Sirayeli ukuba ukumkani akapulapuli kubo, bapendula abantu kukumkani, besiti: Sisipina isabiwo esinaso ku‐Davide? akuko kuti nelifa kunyana ka‐Jese: ezintenteni zenu, bo‐Sirayeli! kaloku kangela kweyako indlu, Davide! Basuka baya o‐Sirayeli ezintenteni zabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akubona ke onke amaSirayeli ukuba ukumkani akawaphulaphuli, abantu bambuyisela ukumkani ilizwi elithi, Sinasabelo sini na kuDavide? Asinalifa kunyana kaYese.Ezintenteni zenu, maSirayeli! Zikhangelele ngoku ngokwakho indlu yakho, Davide! Aya ezintenteni zawo ke amaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akubona ke onke amaSirayeli ukuba ukumkani akawaphulaphuli, abantu bambuyisela ukumkani ilizwi elithi, Sinasabelo sini na kuDavide? Asinalifa kunyana kaYese; Yiya ezintenteni zakho, Sirayeli, ukhangele indlu yakho, Davide; Yaye oonyana bakaSirayeli baya ezintenteni zabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uSirayeli ewonke uthe akubona ukuba ukumkani uyala ukuphulaphula, wamphendula wathi: “Sinasabelo sini na kuDavide? Sinanxaxhebani na kunyana kaJese? Godukani, maSirayeli! Ke wena, Davide, jongana nendlu yakho!” Ngoko ke amaSirayeli agoduka.