1 Kings 12:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula ukumkani u‐Rehobome watuma u‐Adorame, obepezu kwabesitabataba; baza bonke o‐Sirayeli bamgibisela ngamatye, wada wafa. Ngako ukumkani u‐Rehobome wanxama ukukwela enqwelweni, ukuba asabele e‐Yerusaleme.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukumkani uRehabheham wathuma uAdoram, obephethe abafakwa uviko. Esuka onke amaSirayeli, amxuluba ngamatye; wafa.Ukumkani uRehabheham wakhawuleza waya kukhwela enqwelweni yakhe, ukuba asabele eYerusalem.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani uRehabheham wathuma uAdoram, umbuthi werhafu; yaye bonke oonyana bakaSirayeli bamgibisela ngamatye, wafa. Ngoko ukumkani uRehobhoham wakhawuleza wamkhwelisa enqwelweni waza wasabela eYerusalem.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani uRehobhowam wathumela uAdoniram owayeyingqwayi-ngqwayi kwabasebenza ngonyanzelo, kodwa amaSirayeli asuka amxuluba ngamatye wafa. Phofu ke yena ukumkani waba nako ukungena enqwelweni, asabele eJerusalem.