1 Kings 12:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, kwakuviwa ngu‐Jerobome unyana ka‐Nebati, (kekaloku yena ebeseko e‐Jipete, ngokuba ebesabile ebusweni buka‐Solomone ukumkani; waza u‐Jerobome wahlala e‐Jipete:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi akuva uYarobheham, unyana kaNebhati (eseYiputa, apho wayebalekele khona ebusweni bukaSolomon ukumkani; ehleli uYarobheham eYiputa, bathumela bambiza),
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Weva uYarobheham, unyana kaNebhati, eseYiputa, ngokuba wayebaleke ukumkani uSolomon; wahlala uYarobheham eYiputa,
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe ke akuyiva loo nto uJerobhowam unyana kaNebhati, wasuka wabuya apho eJiputa – kaloku wayeseJiputa oko wayebaleke ukumkani uSolomon.