1 Kings 12:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, kwakuviwa ngo‐Sirayeli bonke ukuba ubuyile u‐Jerobome, bandula batuma bambizela entlanganisweni, bamenza ukumkani pezu kwo‐Sirayeli bonke: akwabiko namnye owalandela indlu ka‐Davide, ngapandle kwesizwe sika‐Juda sodwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, akuva onke amaSirayeli ukuba uYarobheham ubuyile, athumela ambizela ebandleni, amenza ukumkani wamaSirayeli onke;akwabakho ulandela indlu kaDavide, saba sisizwe sakwaYuda sodwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Evile ke onke amaSirayeli ukuba uYarobheham ubuyile, athumela ambizela ebandleni, amenza ukumkani kumaSirayeli onke; akwabakho mntu wakha wayilandela indlu kaDavide, yaba sisizwe sakwaYuda sodwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaSirayeli athe asakuqonda ukuba uJerobhowam ubuyile, ambizela embizweni, aza ammisela wangukumkani kaSirayeli ephela, yaba yindlu kaJuda yodwa eyasala isephantsi kwendlu kaDavide.