1 Kings 12:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Rehobome akufika e‐Yerusaleme, wahlanganisa yonke indlu ka‐Juda, nesizwe sika‐Benjamine, amawaka alikulu linamashumi asibozo amadodana eqelene nokulwa, ukuba kuliwe nendlu ka‐Sirayeli, buze ubukumkani bubuyiselwe ku‐Rehobome unyana ka‐Solomone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Weza uRehabheham eYerusalem, wabizela ndawonye yonke indlu yakwaYuda, kwanesizwe sakwaBhenjamin, ikhulu elinamanci asibhozo lamawaka amadodana okulwa imfazwe, ukuba aye kulwa nendlu kaSirayeli, bubuyiselwe ubukumkani kuRehabheham unyana kaSolomon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Weza uRehabheham eYerusalem, wayihlanganisa yonke indlu yakwaYuda, nesizwe sakwaBhenjamin, amadoda anamandla, amadoda okulwa alikhulu elinamanci asibhozo anamabini, ukuba aye kulwa nendlu kaSirayeli, ukuba abuyele ezweni ubukumkani kuRehabheham, unyana kaSolomon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akufika eJerusalem uRehobhowam waqokelela indlu kaJuda nekaBhenjamin – amawaka alikhulu elinamashumi asibhozo ewonke amadoda omkhosi – ukuze alwe noSirayeli, alubuyisele ulawulo kuRehobhowam unyana kaSolomon.