1 Kings 12:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova ukuti: Aniyi kunyuka, aniyi kulwa nabazalwana benu usapo luka‐Sirayeli kanjalo; buyani abanye ngabanye ukuya endlwini yabo; ngokuba lento yenzekile ngam. Baza bapulapula ilizwi likayehova, babuya ukumka, njengelizwi likayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova ukuthi, Ize ninganyuki; ize ningalwi nabazalwana benu oonyana bakaSirayeli. Buyani, aye elowo endlwini yakhe; ngokuba iphuma kum le nto. Baliphulaphula ilizwi likaYehova, babuya, bahamba ngokwelizwi likaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova, Ize ninganyuki niye kulwa nabazalwana benu, oonyana bakaSirayeli; makabuyele elowo endlwini yakhe; ngokuba yeyam le nto. Bandula ke baliphulaphula ilizwi likaYehova baza babuya bahamba ngokwelizwi likaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Musani ukuya kulwa namawenu amaSirayeli. Godukani nonke ngabanye, kuba le nto yenziwe ndim.’ ” Ngoko ke balithobela ilizwi likaNdikhoyo, bagoduka ngokomyalelo wakhe.