1 Kings 12:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako ukumkani wafuna icebo, wenza amatole amabini egolide, wati kubo: Kunzima pezu kwenu ukuba ninyukele e‐Yerusaleme; naba otixo bako, Sirayeli! abakunyusayo elizweni le‐Jipete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waceba ke ukumkani, wenza amathole egolide amabini; wathi kubo, Niyaxhamleka kukunyuka niye eYerusalem. Nanku uThixo wakho, Sirayeli, owakukhuphayo ezweni laseYiputa!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani wacinga ukwenza amathole egolide abe mabini, wathi kubo, Ukunyuka siye eYerusalem kunzima; yabona, Sirayeli, oothixo bakho bakukhupha ezweni laseYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva kokucebisana nabathile ukumkani wenza amathole amabini ngegolide. Wabhekisa ebantwini wathi: “Niyaxhamleka kukunyuka niye eJerusalem. Nanku uThixo wakho, Sirayeli, owakukhupha ezweni laseJiputa!”