1 Kings 12:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza ukumkani u‐Rehobome wacebisana namaxego, abemi ebusweni buka‐Solomone uyise, nxa abesahleli, wati: Niti nina uku ndi cebisa nina, kuze kupendulwe ababantu?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukumkani uRehabheham wacebisana namadoda amakhulu, abesakuma phambi koSolomon uyise oko abesahleli, wathi, Ninika cebo lini na nina, ukuze ndibanike ilizwi aba bantu?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani uRehabheham wacebisana namadoda amakhulu, abesakuma phambi koSolomon uyise oko ebesahleli, wathi, Ninika cebo lini na nina, ukuba ndibanike ilizwi aba bantu?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ukumkani uRehobhowam wathetha-thethana namadoda amakhulu awayebusa kuyise uSolomon ngexesha lokudla kwakhe ubomi, esithi: “Nicebisa ngelithini na nina, ukuze ndibaphendule aba bantu?”