1 Kings 13:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku bekuhlala e‐Betele umprofite omdala; wayesiza unyana wake, wambalisela konke ukwenza okube kwenziwe yindoda katixo ngalomini e‐Betele: amazwi ibiwatetile kukumkani, lawo bawabalisa kuyise wabo nawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku kwakuhleli eBheteli umprofeti othile, obeseleyindoda enkulu; weza unyana wakhe, wamcacisela konke awakwenzayo umfo wakwaThixo loo mini eBheteli; namazwi awawathethayo kukumkani, wawacacisa kuyise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye kukho apho eBheteli umprofeti othile, owalupheleyo; Beza oonyana bakhe, bamxelela yonke imisebenzi awayenzayo umfo wakwaThixo ngaloo mini, eBheteli amazwi awawathethayo kukumkani, awawaxela nakuyise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke kwakukho nkonde ithile *yomshumayeli eyayihlala apho eBhetele. Oonyana bayo bazibona izinto awazenzayo loo mfo wakwaThixo apho ngaloo mini, baza ke baya kuchazela uyise lowo, uyise lowo bamchazela nento ayithethileyo kukumkani.