1 Kings 13:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wateta kubo uyise wabo, esiti: Ihambile ngeyipina indlela? Ngokuba onyana bake bebebonile indlela eyabihamba ngayo indoda katixo, eyavela kwa‐Juda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uyise kubo, Uhambe ngayiphi na indlela? Babeyibonile ke indlela oonyana bakhe, ahambe ngayo umfo wakwaThixo, owayevele kwaYuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uyise kubo, Nihambe ngayiphi na indlela? Kuba oonyana bakhe babeyibonile indlela awayehamba ngayo umntu kaThixo wokwenene owayevela kwaYuda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uyise wathi kubo: “Úhambe ngayiphi na indlela?” Oonyana ke bamkhombisa indlela ahambe ngayo umfo lowo wakwaThixo ovela kwelakwaJuda.