1 Kings 13:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wahamba emva kwayo indoda katixo, wayifumana ihleli ngapantsi kwomkoba: wayesiti kuyo: Nguwe na indoda katixo ebivela kwa‐Juda? Yati: Ndim.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Walandela umfo wakwaThixo, wamfumana ehleli phantsi komterebhinti, wathi kuye, Unguye na umfo wakwaThixo lo ubevela kwaYuda? Wathi yena, Ndinguye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wamlandela umntu kaTHIXO oyinyaniso waza wamfumana ehleli phantsi komdiliya, waza wathi kuye: “Unguye na umfo kaTHIXO oyinyaniso owaphuma kwaYuda? Wathi yena: Ndinguye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waza walandela umfo wakwaThixo. Ke kaloku wamfumana ehleli phantsi komthi wom-oki, waza wathi kuye: “Unguye na laa mfo wakwaThixo uphuma kwelakwaJuda?” Yena ke wathi: “Ndinguye!”