1 Kings 13:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati kuyo: Nam ndingumprofite, njengawe; kekaloku ingelosi yateta kum ngelizwi likayehova, isiti: Yibuyise nawe iye endlwini yako, ukuba isidle isonka, isele namanzi. Kodwa waxoka kuyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kuye, Ndingumprofeti nam njengawe; kuthethe isithunywa sezulu kum ngelizwi likaYehova, sisithi, Mbuyise, eze nawe endlwini yakho, adle isonka, asele amanzi. Watsho emxokisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kuye, Ndingumprofeti nam njengawe; sathetha isithunywa sikaYehova kum, sisithi, Mbuyisele endlwini yakho, adle isonka, asele namanzi. Kodwa wamxokisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Loo nkonde yomshumayeli yathi: “Hayi kaloku, nam ngokwam ndingumshumayeli njengawe lo, ngoku ke isithunywa sindixelele ilizwi likaNdikhoyo, sathi: ‘Yiya kumthatha ubuye naye, eze endlwini yakho, atye asele.’ ” Kambe ke wayexoka!