1 Kings 13:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yaza yabiza ngakuso isibingelo ngelizwi likayehova, yati: Sibingelo! sibingelo! utsho uyehova ukuti: Bona ke, umntwana uya kuzalelwa kwindlu ka‐Davide, ngu‐Josiya igama lake, oya kubinga pezu kwako abaperisite bendawo ezipakamileyo, abo baqumisayo pezu kwako, namatambo abantu bowatshisa pezu kwako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wankqangaza esibingelelweni ngokwelizwi likaYehova, wathi, Sibingelelo, sibingelelo! Utsho uYehova ukuthi, Uyabona, kuya kuzalwa unyana kwindlu kaDavide, ogama linguYosiya; oya kubabingelela phezu kwakho lo ababingeleli beziganga, abaqhumisela phezu kwakho, kutshiswe amathambo abantu phezu kwakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wamemeza esibingelelweni ngelizwi likaYehova, wathi, Wena sibingelelo, sibingelelo, utsho uYehova; Uyabona, kuya kuzalwa umntwana kwindlu kaDavide ogama linguYosiya; uze ubabulale ababingeleli beziganga abaqhumisela phezu kwakho, atshiswe phezu kwakho amathambo abantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wadanduluka ngelizwi likaNdikhoyo, ekhalima ngenxa yelo qonga, wathi: “Qongandini! Qongandini! Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Uyabona, kwindlu kaDavide kuza kuzalwa unyana ogama linguYosiya. Apha kanye phezu kwakho yena uya kwenza amadini ngaba babingeleli basezindulini, aba benza iziqhumiso apha ngoku. Ewe, phezu kwakho apha kuya kutshiswa amathambo abantu.’ ”