1 Kings 13:31 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwabekute, emvenikweni abeyincw̔abile, watsho konyana bake, esiti: Nxa ndibubile, nandule nindincw̔abe encw̔abeni elo indoda katixo incw̔atyiwe kulo; lalisa amatambo am ngakuwo amatambo ayo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, emveni kokumngcwaba kwabo, wathetha koonyana bakhe, esithi, Ndakufa, ndingcwabeleni engcwabeni angcwatyelwe kulo umfo wakwaThixo; walaliseni ngasemathanjeni akhe amathambo am.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ke ekumngcwabeni kwakhe, wathetha koonyana bakhe, esithi, Ndakuba ndifile, yizani, nindingcwabe engcwabeni angcwatyelwe kulo umfo wakwaThixo; wawabeka amathambo phambi kwamathambo akhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bakugqiba ke ukumngcwaba, wathi koonyana bakhe: “Ndakuba ndifile ze nindifihle kweli ngcwaba lilele lo mfo wakwaThixo, amathambo am niwabeke ecaleni kwawakhe.