1 Kings 13:33 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Emveni kwalendawo akaguquka uJerobome endleleni yake ekohlakeleyo, kodwa wabuya wabenza ebantwini bonke abaperisite bendawo ezipakamileyo; lowo ubetanda wamtwasisa, waza waba ngomnye wabaperisite bendawo ezipakamileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Emva koko uYarobheham akabuyanga endleleni yakhe embi;wabuya wenza ababingeleli beziganga eluntwini lonke; wathi athe wamthanda, wammisela, waba ngowababingeleli beziganga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva koko uYerobhoham akazange ajike endleleni yakhe embi, kodwa waphinda wamisela abantu abasweleyo phakathi kwabantu ukuba babe ngababingeleli beendawo eziphakamileyo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kanti ke, nasemva kwesi siganeko, yena uJerobhowam zange abuye ezindleleni zakhe ezimbi; waphikela ukumisela ababingeleli basezindulini, ethatha nabani na. Wonke umntu owayefuna ukuba ngumbingeleli wayemmisela izibingelelo zasezindulini.