1 Kings 13:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wapendula ukumkani wati kwindoda katixo: Zubongoze ubuso bukayehova, utixo wako, unditandazele, ukuba isandla sam sibuyele kum. Yaza indoda katixo yabongoza ubuso bukayehova; sada isandla sokumkani sabuyela kuye, saba njengapambili.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphendula ukumkani, wathi kumfo wakwaThixo, Khawumbongoze uYehova uThixo wakho, undithandazele, sibuyiselwe kum isandla sam. Umfo wakwaThixo wambongoza ke uYehova, sabuyiselwa kuye isandla sokumkani, saba njengokwangaphambili.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula uYehova, wathi kumfo wakwaThixo, Thandaza kuYehova uThixo wakho, undithandazele, sibuyele kum isandla sam. Wathandaza umfo wakwaThixo kuYehova, saza isandla sokumkani samphilisa kwakhona, waba njengokwangaphambili.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ukumkani wathetha nomfo lowo wakwaThixo wathi: “Khawuncede umkhunge uNdikhoyo uThixo wakho, undithandazele ukuze isandla sam sibuye siphile.” Umfo lowo wakhunga wathandaza uNdikhoyo, saza ke eso sandla sikakumkani sabuya saphila sanjengangaphambili.