1 Kings 13:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa indoda katixo yati kukumkani: Nakuba ubuya kundipa isiqingata sokwendlu yako, andiyi kuya nawe; kanjako isonka andiyi kusidla, namanzi andiyi kuwasela, kulendawo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi umfo wakwaThixo kukumkani, Ungafanelana uthe wandinika isiqingatha sendlu yakho, andingekhe ndiye nawe, andingekhe ndidle sonka, andingekhe ndisele manzi kule ndawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi umfo wakwaThixo kukumkani, Nokuba uthe wandinika isiqingatha sendlu yakho, andingekhe ndiye nawe, andingekhe ndidle sonka, andingekhe ndisele manzi kule ndawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke umfo lowo wakwaThixo wamphendula ukumkani wathi: “Noba ubuza kundinika isiqingatha sezinto zonke onazo, bendingayi kuhamba nawe, futhi bendingayi kutya ndingaseli nakusela apha.