1 Kings 14:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baye o‐Sirayeli bonke beya kumlilela, bamncw̔abe: ngokuba nguye yedwa engoka‐Jerobome oya kuza encw̔abeni, ngenxa yokuba kufunyanwa kuye into elungileyo ngakuye uyehova, utixo wo‐Sirayeli, pakati kwendlu ka‐Jerobome.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ommbambazelela onke amaSirayeli, amngcwabe; ngokuba nguye yedwa kwaYarobheham, oya kungena engcwabeni; ngenxa yokuba kufunyenwe kuye kukho into elungileyo, ebhekisele kuYehova, uThixo kaSirayeli, endlwini kaYarobheham.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Onke amaSirayeli omzilela aze amngcwabe, kuba nguye yedwa kwaYarobheham oya kungena engcwabeni, ngenxa yokuba kufunyenwe kuye okuthile okulungileyo okuvela kuYehova, uThixo kaSirayeli, endlwini kaYarobheham.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USirayeli ephela uya kuyililela, aze ke ayingcwabe. KwaJerobhowam kuphela kwayo eya kungcwatywa. Kaloku kwindlu kaJerobhowam iphela kukuyo yodwa apho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli athe wafumana into elungileyo.