1 Kings 14:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wesuka umfazi ka‐Jerobome, wemka, waya e‐Tiretsa: esakuza pezu kwombundu wendlu, umfana wabuba;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wesuka ke umkaYarobheham, wahamba, wafika eTirtsa, wathi akuthi ukunyathela embundwini womnyango wendlu, wafa umntwana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wahamba umkaYarobheham, waya eTirtsa; yathi, yakungena emnyango, yafa inkwenkwe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku umka-Jerobhowam waphakama wemka waya eTirza. Wathi nje ukuba athi cakatha kumnyango wendlu yakhe, yasweleka inkwenkwe leyo.