1 Kings 14:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati u‐Jerobome kumfazi wake: Kausuke, uzenze ngakumbi, ukuze kungaziwa ukuba ungumfazi ka‐Jerobome, uhambele e‐Shilo; nankuya kona u‐Ahiya umprofite, lowo watetayo ngam ukuba ndibe ngukumkani pezu kwababantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYarobheham kumkakhe, Khawusuke uzenze mntu wumbi, bangakwazi ukuba ungumkaYarobheham; uhambe uye eShilo; nanko apho uAhiya umprofeti, owandixelelayo ukuba ndiya kuba ngukumkani waba bantu;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYarobheham kumkakhe, Yeka, uzenze mntu wumbi, ungazi, ngokuba ungumkaYarobheham; waya eShilo; nanku umprofeti uAhiya, owandixelelayo ukuba ndiya kuba ngukumkani wolu hlanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waza ke uJerobhowam wathetha nomkakhe, wathi: “Khawuzenze mntu wumbi, ukuze ungaqondwa ukuba ungumka-Jerobhowam, uze ke uye eShilo. Khona apho wofika ekhona *umshumayeli uAhiya, lowo wandazisa ukuba ndiza kuba ngukumkani waba bantu.