1 Kings 14:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nemihla owabepata ubukumkani ngayo u‐Jerobome, Ibiyiminyaka engamashumi mabini enesibini: wada walala noyise bake, waza u‐Nadabi unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Imihla awayengukumkani ngayo uYarobheham ngamashumi amabini anesibini iminyaka; walala kooyise. UNadabhi, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Imihla awalawula ngayo uYarobheham yaba yiminyaka emashumi mabini anamibini; walala noyise, unyana wakhe uNadabhi waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Walawula iminyaka emashumi mabini anambini, waza waphumla kooyise. Ezihlangwini zakhe ke kwangena unyana wakhe uNadabhi walawula.