1 Kings 14:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU u‐Rehobome unyana ka‐Solomone wapata ubukumkani kwa‐Juda: ebeyiminyaka engamashumi mane enamnye ubudala bake, akuba ngukumkani u‐Rehobome, waza wapata ubukumkani iminyaka yalishumi elinesixe̔nxe e‐Yerusaleme, isixeko abesinyulile uyehova kuzo zonke izizwe ze‐Sirayeli, ukuba alibeke igama lake kona. Igama lonina belingu‐Nahama, um‐Hamonikazi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke uRehabheham, unyana kaSolomon, waye engukumkani kwaYuda. URehabheham ubeminyaka imashumi mane anamnye ezelwe ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinesixhenxe engukumkani eYerusalem, umzi awawunyulayo uYehova ezizweni zonke zakwaSirayeli, ukuba alibeke khona igama lakhe. Igama lonina belinguNahama, umAmonikazi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke uRehabheham, unyana kaSolomon, waye engukumkani kwaYuda. uRehabheham ubeminyaka imashumi mane anamnye ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinesixhenxe engukumkani eYerusalem, umzi awawunyulayo uYehova ezizweni zonke zakwaSirayeli, ukuba alimise igama lakhe kuwo. Igama lonina belinguNahama umAmon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uRehobhowam, unyana kaSolomon, waba ngukumkani kwelakwaJuda. Ukungena kwakhe kwesi sihlalo wayenamashumi amane ananye eminyaka, waza ke walawula iminyaka elishumi elinesixhenxe eJerusalem, isixeko esanyulwa *nguNdikhoyo ezizweni zonke zakwaSirayeli ukuze lihlale kuso igama lakhe. Unina yayinguNahama engumAmonikazi.