1 Kings 14:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba nabo bebezakela indawo ezipakamileyo, nentsika zamatye, ne‐Ashera, pezu kwazo zonke induli ezinde, nangapantsi kwayo yonke imiti eluhlaza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Azakhela nazo izinganga, nezimiso zamatye, nooAshera, ezindulini zonke eziphakamileyo, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwakhona azakhela iindawo eziphakamileyo nemifanekiso eqingqiweyo neziqu zemithi engcwele kuzo zonke iinduli eziphakamileyo naphantsi kwayo yonke imithi eluhlaza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku bazimisela iinduli ezithile, namatye akhethiweyo, nezibonda eziyimifanekiso ka-Ashera, kuzo zonke iinduli eziphakamileyo, naphantsi kwayo yonke imithi efukufuku.